M
 
INI simtyelele UThompson Mbhalati wesithili sasePetanenge kufutshane naseNkowankowa kwiPhondo elisemNtla kwadilivwa ilounge suite entsha nentle -  ibubungqina obubonakalayo bokuba obefudula engathathi-ntweni ukwazile ukuphuncuka kubuhlwempu.
Kodwa kuyabonakala ukuba kumthathe ithuba ukuze UThompson afike apho. Uyeke isikolo kuma-20
neshishini eliphumelelayo

eminyaka waza wasebenza njengewaiter ehotele waza wangumakhi kwanyanzeleka ukuba ngo-1989 abuyele ePetanenge.
Kwiminyaka emibini elandelayo inkosikazi kaThompson uRegina waluxhasa usapho ngomvuzo wakhe ongephi awayewufumana kuba engumphangeli efama . Amanzithinzithi obomi ayemxinile kwaye UThompson wayesazi ukuba bekufuneka enze okuthile ukuze aphile.
kubalisa uNEVILLE MIYELANI MAAKANA


lnkosi yamnika isiza waza ngo1991 waqalisa ishishini Iokwenza izitena kwisiza esikufutshane nomlambo ogwegweleza ngakule lali .
Kuqala UThompson ubesebenza yedwa. Mihla le ebequqa ebuyelela emlanjeni esebenzisa ikiliva ukuthutha amanzi ukuze enze izitena . Abantwana bakaThompson babemncedisa xa bephuma esikolweni kwaza ekugqibeleni inkosikazi yakhe yawuyeka umsebenzi
Emzini wekumkani - lo ngumzi UThompson Mbhalati awakhele usapho lwakhe. Ngaphambili nguThompson , inkosikazi yakhe uRegina nabantwana babo ababini.
Uzakhele
ubutyebi
UThompson Mbhalati  wasilahla isikolo akulitshona iBanga lesi-6 kodwa ukuzimisela nesiphiwo sakhe semicamango kwamnika konke abekunqwenela - inkosikazi enothando, abantwana, umzi
98 BONA XHOSA -   March 2000


wasefama yamthelela kweli shishini labo litsha.
sasingenamali yaneleyo yokuthenga amalahle okutshisa izitena . Sasebenzisa iinkuni esazitheza endle. Abantu kule fama babesihleka besithiya amagama athile. Kodwa mna, inkosikazi yam nabantwana asizange silahle izandla, ukhumbula oko UThompson .
Kuthe emva konyaka okanye malunga nalapho izinto zaqala ukuthembisa. Abantu abaninzi baye bephokoka bezokuthenga izitena zakwaMbhalati. UThompson ukwazile ukuqesha abasebenzi ababini kunye nosapho lwakwaMbhalati, bonke basebenza bezimisele.
Kuthe eli shishini lakhe lakubonisa ukuba liyahluma, UThompson waqalisa ukunqwenela ukuba nomzi. Usebenzise izitena zakhe ukwakha umzi wale mihla omagumbi asibhozo nobukeka ulipomakazi phakathi kwemizi yodaka kwilali yasePetanenge.
Kuthe ngo-1996 UThompson waqesha amanye amadoda amathathu. Ngoku wayekwazi ukuthenga amalahle kwindawo athengiswa kuyo ukuze atshise izitena . Eli shishini lalithembisa kwakuthengisa izitena ezininzi mihla le,
Namhlanje iMbhalati Brickyard iqeshe abantu abasibhozo kwaye ivelisa malunga nezitena ezingama-68 000 ngenyanga. Xa kuxakekiwe UThompson ude aqeshe abasebenzi abangxungxileyo. Ubangele amadoda amaninzi kule lali afumane umsebenzi kwanabafundi abasemakhaya ngeeholide .
Mvanje UThompson uthenge ijenereyitha kwanethumbu lamanzi elide ukuze atsale amanzi emlanjeni aze kwesi siza abenza kuzo izitena . Ethubeni olu sapho lwatyala imifuno lisebenzisa amanzi asemlanjeni ukuze lithengise imifuno kwanezitena .
Kodwa isisombululo sokuchuma kweshishini likaThompson siyacaca ukuba ibingeyiyo nje Ie
micamango yakhe mihle kodwa ulwazi loqhagamshelwano kwezemisebenzi.
Kumzimveliso wakhe enobuhlobo uthe: Abantu endibaqeshileyo ndibaphethe ngentloniphokazi!
Naziphi na iingxaki zeshishini ndabelana nazo nabantu endibaqeshileyo kuba ndifuna bazive beyinxalenye yalo. Kufuneka bazi ukuba impumelelo yalo ngabo ncakasana.
Uyazi, amadoda amabini okuqala aqeshwa nguThompson ngo-1992 asasebenza kuye. Ukanti nawo aziqalele amashishini emizini yawo - enye inesirhoxo sevenkile enye sesotywala.
Nakuba iMbhalati Brickyard ikude elalini ,  UThompson akaqeshanga unogada .
Nakuba UThompson esazi ukuba ubusela abuyongxaki kuye, uyakhanyela ukuba usebenzisa utikoloshe ukuba agade izitena zakhe ebusuku kuba kukho ababefuna ukuba izitena zakhe bathi babethwa ngamadoda amancinci awayephuma kwityholo.
Mna ndikholelwa kuThixo. Andikholelwa kukuthakatha ukanti andibusebenzisi kwaphela, abantu banokukholelwa kuloo nto bafuna ukukholelwa kuyo. Ukuba iinkolo zabo zibabangela boyike ukuba izitena zam, noko ndingangumntu wokugqibela onokukhalaza! ugxininise oko UThompson .
Ubawo ominyaka ingama-48 onabantwana abasixhenxe ulirhamente lePentecostaf Church ekholelwa kwelokuba uThixo unceda abazincedayo.
Ubomi abulula, iMfundo ingakunceda kodwa ukuzimisela nokusebenza nzima zizithako ezimbini eziphambili ukuze uphumelele.
IPHONDO lasemNtla Koloni Iisahlokoma ngomtshato wonyaka xa iNkulumbuso uManne Dipico ebechula nomtshakazi wakhe uGuthrie Manuksie Mokitimi.
Igawuni yakhe ibintle ithungwe nguFrancois Vedemme waseThekwini iyeyelaphu lesilika eliphuma eFransi nelimbala uchampagne-gold yaza yahonjiswa ngamaso athungwe ngesandla ali-100 000 nesimbo sawo sicuntsule kokweValentine , inamaqhosha okuhombisa ekuthiwa zii-sequins neeperile , bekukho ngaphezu kwewaka Iababukeli bekikizela kodwa bothukile xa ebephelekwa nguyise emngenisa eSt Boniface Church eKhimbali .
Obefudula engumphathiswa wezokhuselo uJoe Modise, iNkulumbuso yaseFreyistata uWinkie Direko, uSekela Somlomo wePalamente emNtla-Ntshona uSarah Mereeotlhe nobefudula engumphathiswa wezothutho uMfundisi uJohannes Tselapedi bebengabanye beendwalutho apho neziye zathelela esi sibini kwingokuhlwa yokubhiyoza kwamaAfrika emva kwetheko kubalisa uVUSi TUKAKHOMO
Okungasoze Kwalityalwa
100 BONA XHOSA -  March 2000
Itheko novuyani
 Bungu
kubalisa uTHAMSANQA MBOVANE

UVuyani Bungu ukhumbule unyaka ka-1999 enebhongo lokuphumelela kodwa kulo nyaka uzimisela ukubonisa ukuba uyiThe Beast ekhonyayo emanqindini

B
 EKUNGUMZUZWANA wokubhiyoza kwiKing of
the ring nabalandeli bakhe xa eyona mbethi manqandi yodumo eMzantsi Afrika uVuyani Bungu engena kwiEyethu Hall of Fame
eseBhayi kodwa ibikwalixesha lokuba abaphulaphuli bafumanise ukuba le ntandane yabo ingumntu wabantu ukanti iyakuthanda ukuqhula kuhlekwe.
UVuyani Bungu uyikhusele kwakuko intshinga yakhe yelBF Junior Featherweight okwesihlandlo se-13, ekroboza irekhodi kaBrian Mitchel owakhusela iintshinga yaseMzantsi Afrika. Uxelele abaphulaphuli ukuba ukuze uphumelele ube yimbethi manqindi ehlonitshwayo kufuneka ukuziqeqesha - nto leyo ayifunde kumqeqeshi wakhe we-Eyethu Boxing Club eMpuma Koloni ude watyibela wathi ukuziqeqesha kuye kwafika nakubomi bakhe ngenkqu.
Ngenye imini umqeqeshi kwanomphathi wam
uMzimasi Mnguni undifumene ndincokala negqiza
lamagqiyazana, ukhumbula oko uVuyani.
Ubra Mzi wandibukela waza edimazekile
wandibizela ecaleni wandisebezela esithi, Vuyani,
khangel apha, xa usenjenje akuzimiselanga..
UVuyani uphendule uMnguni esithi uyazi ukuba uyintshatsheli eMzantsi Afrika kwaye akanakwenza budenge bakonakalisa umsebenzi wakhe njengembethi-manqindi.
Niyabona ke, ukuze ube yimbethi-manqindi ephumelelayo kufuneka umthobele ungaphakathi nkqu naxa ungaphandle kweqonga lamanqindi umqeqeshi, umphathi kwanomthelekisi wakho, utshilo uBungu kwabo bebemphulaphule apho eBhayi.
UVuyani Bungu uyinkulelwane yaseMdantsane ngaseMonti, ungomnye wabantwana abathandathu elusatsheni. Yena nabantwana bakowabo kwakuye kufuneke balale phantsi - nto leyo ekude Iee nobomi abuphilayo kule mihla. Kodwa ukuphila kwihlomela dolophu akumbangeli uBungu aIibaIe ubomi basezilokishini .
Ndikhe ndiya apho ndakhulela khona ndikhe amajitha ndiwathengele iibhiya ezimbalwa kodwa ke ndakubuyela edolophini ndiba nguMnu Bungu, endaweni yokuba yiThe Beast .
UBungu uchazele ebebephulaphule enye yeemfihlo
zempumelelo yakhe - ukutya okunempilo kunye

